UKULUNGELE UKUSEBENZA XA ITYALA LODLAKATHISO NGOKWESONDO LIXELWA
1-SAPS iyavuma ukusebenza ngesikhalazo apho kukhuselekileyo kwaye bucala kwaye iyakusiphatha isikhalazo ngentlonipho nesidima. Iinkqubo ziyakucaciswa njengoko zisenzeka.
Igosa lamapolisa liyakufumana iinkcukacha ezisisiseko zolwaphulo-mthetho kwaye liyakuthatha libhale phantsi ingxelo evela kummangali lisebenzisa amagama awasebenzisileyo ukuchaza isehlo.
Ummangali kufuneka ayifunde ingxelo. Ukuba ngaba akakwazi ukufunda, igosa lamapolisa liyakumfundela ingxelo. Naziphina iziphoso ziyakulungiswa phambi kokuba ummangali ayisayine ingxelo.
Uxwebhu lwetyala lwesikelethoni luyakuvulwa. Ummangali kamva uyakunikwa inombolo yetyala kunye, apho kwenzekayo, ikopi yengxelo.
Idilesi yommangali kunye needilesi zabanye abantu ekunokuqhagamshelwana nabo abafana nosapho kunye nabahlobo ziyakufunyanwa kwaye zikhangelwe. Oku kuyakubhalwa phantsi kwidayari yophando.
Ingxelo ikwafuneka kwakhona:
Xa ummangali exelele omnye umntu malunga nesehlo phambi kokuba asixele emapoliseni - lo mntu kufuneka enze ingxelo exela amagama ngqo kunye nemo yokujongeka kommangali;
Ukuba ngaba igosa lamapolisa belingumntu wokuqala ummangali athethe nalo, igosa lamapolisa liyakungenisa ingxelo yemo yokujongeka kommangali kunye namagama akhe ngqo.
Amapolisa ayakubhala ingxelo yokubamba ukuba ngaba umrhanelwa osolwayo ubanjiwe kwaye ubungqina bomzimba buyakuthathwa.
Oku kulandelayo kuyakucaciselwa ummangali ukuba:
Uyakucelwa ukuba ancedise amapolisa ukwazisa umsolwa.
Ukuba uya kuya enkundleni kwaye anike ubungqina malunga nokwenzekileyo. Ummangali uyakuthunyelwa KUMBUTHO OZIMELEYO (NGO) ayele ukucetyiswa kunye nenkxaso.
Amaxhoba anelungelo lokuphathwa ngentlonipho nesidima.
Ngolwazi oluthe vetshe okanye uncedo kwisehlo sokudlwengulwa okanye amatyala odlakathiso ngesondo ungathetha no-
Unokuqhagamshelana kwakhona nesikhululo sakho samapolisa sengingqi okanye utsalele umnxeba ku:
Mnxeba ongaHlawulelwayo wokuYekisa ukuPhathwa Gadalala kwabaseTyhini: 0800 150 150
Okunxulumene nabantwana 0800 05 55 55
ACT: Ngokuchasene noLwaphulo-mThetho siSonke kunye nokuxela amatyala odlakathiso ngokwesondo...tsalela umnxeba uYekiso loLwaphulo-mThetho 08600 10111
